HOME
 MUNICIPALITY
 RESIDENTS
 BUSINESS
 VISITORS

 2010

Switching on of Festive Lights in Mdantsane

Sisa Dukashe Stadium - 30 November 2007 - 18H00

Address by Cllr. Andile Ntoni on behalf of Executive Mayor of Buffalo City Councillor Zintle Peter

  • Mr. Programme Director
  • Councillors and other public office bearers
  • Honoured Guests
  • Ladies and gentlemen
Mandibulise kuye wonke umntu olapha ngokuhlwa nje, ndinibulele ngokuzixhamla kwenu ukuba nibekho kulo msitho wenu wokuphawula ukungena kwe-Festive Season apha eMdantsane.

Mandibulise kwii-Councillors ezikhoyo apha, ngokunjalo neendwendwe zethu ezibalulekileyo eziphakathi kwethu.

Ndibulisa egameni likaSodolophu walapha e-Buffalo City u-Councillor Zintle Peter nothe ngelishwa akabinakho ukuba kunye nathi ngokuhlwa nje ngenxa yokonganyelwa yimicimbi yolawulo.

Undicelile ke uSodolophu ukuba ndimngxengxezele kakhulu, nditsho kananjalo ukuthi ukunye nathi ngomphefumlo, kwaye ewunqwenelela impumelelo lo msitho wangokuhlwa nje. Eyona nto size kuyenza ke apha kukwamkela iiholide zeKrismesi ngokusesikweni. Eli lixesha esithi sisonke sithabathe ikhefu kwimisebenzi yethu nezifundo zethu, siphumle.

Lixesha lokuba sibe kunye nezihlobo nezalamane zethu, siphululane amanxeba esiwafumene kwiimbandezelo neenzingo neembandezelo esidibene nazo apha enyakeni

Lixesha lokubonakalisa uthando nobubele omnye komnye; sinikane izipho; elowo anqwenele uzakwabo ixesha elimnandi neliyokozela amathamsanqa.

Ngaphezu kwazo zonke ezo zinto, iKrismesi lixesha lesivuno, ixesha lokubala iintsikelelo esizifumene apha enyakeni. Lixesha lokuthuthuzelana sisulane iinyembezi zezihelegu namashwa esidibene nawo apha ebudeni bonyaka.

Unyaka ka-2007 ube ngunyaka onamahla-ndinyuka phantse kumntu wonke olapha eMdantsane, omdala nomncinane.

Kwabanye ibe ngunyaka wokufezwa kwamadinga, ukuzalisekiswa kweminqweno, nokuphendulwa kwemithandazo. Ibe ngunyaka wokuvela kwamathuba empangelo nokuhlawulwa kwamatyala. Ngamafutshane, u-2007 ube ngunyaka wamathamsanqa kubo.

Kwabanye ibe ngunyaka weenyembezi neenkxwaleko; unyaka weembandezelo, intswelo, nentlupheko.

Bambi balahlekelwe zizihlobo zabo ngenxa yezenzo zobugebenga nezifo eziqubulayo. Bambi baphelelwe yimisebenzi, bazifumana sele bengqiba ukuze bafumane into esiwa phantsi kwempumlo. Bambi abaqalanga kwa ukuyifumana imisebenzi, waphela unyaka umntu eyimpula-kalujaca.

Bambi bahlelwe sisihelegu sokubona abantwana babo beginywa butywala neziyobisi, ngokokude balahle isikolo babe ngoondinga-s'thubeni.

Ndingathetha kuse ndibala intlungu abaphile phantsi kwayo abantu abanjalo apha ku-2007.

Mandilenze ilizwi lentuthuzelo kwabo bantu, ndithi kubo akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Nakuni lisaza kuphuma ilanga.

UMasipala we-Buffalo City ke uzibophelele kwidinga lokukhuthaza elo langa ukuba maliphume kuye wonke umntu. Sibambelele kwizifungo esazenzayo ezithi siza kusebenzela ukuphucula ubomi babantu bethu ngazo zonke iindlela.

Ngethuba uSodolophu ebelapha kwinyanga ephelileyo eqhuba iimbizo nabahlali balapha eMdantsane, uxelelwe ngeemfuno zenu, waxelelwa nangeentlungu eniphila phantsi kwazo.

Uzidwelisile kanmbe uSodolophu iinkqubo zikaMasipala zokuzama ukuphucula ubomi babemi balapha eMdantsane, ekukho phakathi kwazo namaphulo okudala amathuba empangelo nokuxhobisa abantu ngezakhono zobugcisa.

Uphinde walapha uMasipala kwiveki ephelileyo eze kubamba i-summit nolutsha, nalapho kuboniswene ngeenkqubo emazilandelwe kwi-development yabantu abatsha kule ngingqi.

Amaphulo kaMasipala okuphucula uMdantsane afana ne-Mdantsane Urban Renewal Programme aya kuhlala emi, kuba kaloku injongo yawo kukuzisa ukukhanya kubantu baseMdantsane.

Kodwa ke ewonke loo matile-tile siwenzayo aya kuphumelela kuphela xa uluntu lwalapha eMdantsane lusebenzisana noMasipala kwimigudu yakhe. Masibambisane kumsebenzi wokwakha nokulungisa uMdantsane ube yindawo yebhongo kubantu balapha.

Xa ke singena kwixesha leKrismesi, ndinga singakhumbula ukuba kukho abantu abahluphekayo, abangaboni nto intsha kwiKrismesi kuba kaloku basaza kuhlala bengqiba, belala bengatyanga.

Lowo unakho, makancede abaqhekezele abantu abanjalo kwisonka asityayo. Masizivule iintliziyo zethu, sibonakalise uvelwano kwiimbedlenge zelizwe lakowethu.

Elokugqibela, egameni likaSodolophu wethu u-Councillor Zintle Peter ndinqwenelela wonke umntu olapha eMdantsane iKrisimesi emyoli noNyaka oMtsha oyokozela amathamsanqa nempumelelo.

Merry Christmas, everybody.

Enkosi.



  Contact us:

 Useful links:
IDZ
Daily Dispatch
Border Kei Chamber of Business
East Cape Development Corporation
Amatola Water
Buffalo City Development Agency

Value Me

South African
Cities Network

| webmaster | contact us |

Web development by