Mdantsane City Mall Opening
Remarks by Executive Mayor of Buffalo City - Cllr. Zintle Peter
Mdantsane - 24 April 2008
Mandibulise kuwe Programme Director; ndibulise kwiindwalutho zethu ekukho phakathi kwazo u-Premier weli phondo leMpuma-Koloni umama uNosimo Balindela ne-CEO ye-Billion Group uMnumzana Sisa Ngebulana; ndibulise kwiindwendwe zethu ezibalulekileyo, the business community, kunye nabahlali balapha eMdantsane ngokubanzi.
Allow me Mr. Programme Director to extend a warm word of welcome to everybody assembled here this morning for this historic chapter in the development of Mdantsane and its people.
Ndamkela iindwalutho zethu kunye nabo bahamba nazo. Ndamkela oosomashishini nabasebenzi babo. Ndamkela iindwendwe nabahlali.
Today we are witnessing the fulfillment of yet another noble dream to turn the situation around for the people of Mdantsane.
Yiminyaka mihlanu ngoku sijijisana neenkqubo zokuphucula nokuphuhlisa uMdantsane siwukhuphe ebugxwayibeni siwubeke emarhiweni aluhlaza, zonke ezo nzame sizenza phantsi kwephulo le-Mdantsane Urban Renewal Programme.
Le migudu yonke siyenza kuba sibona intlupheko egqubayo kule ngingqi nebangelwa ikakhulu kukunqongophala kwamathuba empangelo ngokunjalo namathuba okuzenzela nokuziphucula.
Iziphumo zale meko ibe kukugquba kwendlala, ukwanda kwezifo ezinobungozi ingakumbi ebantwaneni, ukuqatsela kobugebenga nolwaphulo-mthetho, ukwanda kwenani labantwana abashiya isikolo ngenxa yeemeko ezahlukeneyo zasekuhlaleni, ngokunjalo nokuphelelwa lithemba kubemi bale ngingqi yaseMdantsane.
Siwabonile amaphulo ophuhliso esiza apha eMdantsane, injongo yawo ikukuphucula umgangatho wentlalo kubantu balapha. But this particular development has gone way beyond our wildest expectations.
Namhlanje i-Billion Group ivula umthombo wempilo nobomi obubhetele kubemi balapha; ivulela oosomashishini balapha amathuba okuzibonelela; ivula isango kumashishini amakhulu ukuba aze kutyala iimali zawo apha eMdantsane; inyusa isidima soMdantsane ufane nezinye iidolophu ezinkulu zalapha eMzantsi Afrika.
Egameni labemi bale ngingqi yaseMdantsane, bona bantu baza kuxhamla ngokupheleleyo kweli phulo, egameni likamasipala nabemi base-Buffalo City ngokubanzi, ndenza umbulelo ongazenzisiyo kwi-Billion Group for this unbridled confidence in Mdantsane as a favourable investment destination.
Ndikubulela ndikuqinisekisa Mr. Ngebulana ukuba le R520 million uyityale kweli phulo iza kuphungula umthwalo emagxeni abantu abaninzi balapha eMdantsane.
Kwa indawo le imi kuyo le shopping mall yenza ukuba ifikeleleke lula kuye wonke umntu olapha eMdantsane, nditsho nomntu ohamba ngenyawo.
But perhaps it is appropriate for me to point out that this exceptional effort by the Billion Group would have amounted to nothing if the business community had shied away from the initiative.
I therefore feel it prudent for me to openly acknowledge the confidence of the private sector in Mdantsane as a reliable location for their investments. I have always maintained that the municipality can never hope to go it alone in its economic development programmes and that we need the support and involvement of our partners in business.
The municipality and the people of Mdantsane will forever be grateful to you for your positive attitude towards our efforts to develop this area and to bring sanity to everyday life for our people.
Njengomasipala wenu ke siyathembisa kwaye sizibophelela ekuthini siqinisekise ukuba eli ziko, ngokunjalo namanye amaziko alolu hlobo alapha eMdantsane, lizifumana ngokwaneleyo iinkonzo ezindundoqo ukuze bangazisoli oosomashishini ngokuza apha.
Umcimbi ukuni ke ngoku bahlali balapha eMdantsane. Enye yeenjongo eziphambili zale mall kukuzisa iivenkile nezinye iinkonzo kuni, niyeke ukuxhamleka nihamba imigama emide xa nifuna ukuthenga izinto ezingundoqo ebomini benu.
Namhlanje aziswe nge-tray la mathuba empangelo nisoloko niwalangazelela. Already kuvele imisebenzi eyi-1200 xa bekusakhiwa lo bhaza-bhaza, kwaye sele siqinisekile ngamanye amathuba omsebenzi amalunga newaka kwiinkonzo ezifana ne-security, ii-cleaners, oo-driver, abantu be-maintenace nabantu abancedisa ezivenkileni. Asikathethi nto ngabantu abasebenza ezi-ofisini neminye imisebenzi efumaneka kwizakhiwo ezilolu hlobo.
Ndiyalumema ngoko uluntu lwalapha eMdantsane ukuba liwuthabathele kulo uxanduva lokuqinisekisa ucoceko nokhuseleko lweli ziko. Le mall yeyenu. Luxanduva lwenu ke ngoko ukuqinisekisa ukuba iya kuhlala imi yona neenkonzo zayo, nihlale nixhamla kuyo nina nabantwana benu, nabazukulwana benu, nesizukulwana sesizukulwana senu.
Ndiyabulela.
|